UKenny Kunene ukhwele ezehlela kuJulius Malema kwikhasi lakhe likaX.
Image: Sharon Seretlo / Independent Newspapers
UKenny Kunene ukhwele ezehlela kwinkokeli ye-EFF uJulius Malema emfanisa nenja engenabungozi nekhonkotha nje ingalumi.
USekela Mongameli wePatriotic Alliance ukuthethe oku kwikhasi lakhe likaX emva kwengxelo kaMongameli waseMelika uDonald Trump ophinde wagxininisa ukuba izinto ezimbi ziyenzeka eMzantsi Afrika kwaye ngenxa yoko, akazukuya kwingqungquthela yeG20 ngenyanga yeNkanga.
"Mnu Mongameli @realDonaldTrump, uJulius Sello Malema akangorhulumente eMzantsi Afrika. Yinkwenkwana, ulijoni lokudlala nomntu nje odikayo ongenabungozi. Yonke le ntetho ayenzayo uyenziswa kuba engumntu onomlomo omkhulu. Ngoko musa ukulahlekiswa yingcongconi yezopolitiko edikayo. Yiza kwiG20 apha eMzantsi Afrika uze kuzibonela ngokwakho, konke kuza kulunga," ubhale watsho.
Kwinto ayibhalileyo kwiTruth Social, uTrump ubuze ukuba angeza njani na kweli lizwe kwindibano yeG20 enabantu abamhlophe ababulawayo kwakunye nokuhluthwa komhlaba ngokungekho mthethweni.
"Besingalindelwa njani ukuba siye eMzantsi Afrika kwintlanganiso ebaluleke kakhulu yeG20 xa ukuhluthwa komhlaba nokubulawa kwabantu kungumxholo ophambili wencoko?
"Bathabatha umhlaba wamafama amhlophe baze bababulale neentsapho zabo. Amajelo eendaba ayala ukunika ingxelo ngale nto. IMelika iye yarhoxisa yonke imali eya eMzantsi Afrika. Ingaba kulapho sifuna ukuba khona kwiG20? Andicingi njalo," utshilo uTrump.
Iinkokeli ezininzi zikarhulumente, eziquka inkokeli yeDA uJohn Steenhuisen, ziphinde zayigxininisa into yokuba akukho bantu abamhlophe abazizisulu zokubulawa eMzantsi Afrika, nangona kukho amabango kunye nobuxoki obuthethwa nguTrump norhulumente wakhe.
Ephendula, isithethi se-EFF uSinawo Thambo uthe umbutho wabo wezopolitiko awunangxaki nokungabikho kukaTrump kule ngqungquthela.
"Ukungabikho kwakhe kuya kuba lithuba lezizwe eziphambili zehlabathi ukuba zidibanise isicwangciso sokubuyisela uqoqosho olungathembeli kwidola yaseMelika, kodwa kucacile ukuba uyoyika ukujongana noogxa bakhe emva kokumisela irhafu ephezulu."